10. ndafa ke mna; waza umthetho obumiselwe ubomi, wafumaneka kum inguwona usingisa ekufeni.
11. Kuba isono sithe, sizuzé ithuba ngawo umthetho, sandilukuhla, saza ngawo sandibulala.
12. Ngoko ke umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.
13. Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? Nakanye! Saye sisisono; ukuze sibonakale sisisono, sisebenza ukufa kum ngoko kulungileyo; ukuze isono ngawo umthetho sibe sisono ngokuncamisileyo.
14. Kuba siyazi ukuba umthetho ungowomoya; ke mna ndingowenyama; kuthengiswe ngam, ndaba phantsi kwesono.
15. Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza;
16. ukuba ke endingakuthandiyo ndenza khona oko, ndivumelana nomthetho ukuba mhle.
17. Ngoko ke ayisendim osebenza oko, seyisisono esi simiyo ngaphakathi kwam.