Kwabaseroma 6:8-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ukuba ke safa kunye noKristu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye;

9. sisazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusamphathi ngabukhosi.

10. Kuba ukufa awakufayo, wakufa kwisono kwaba kanye; ubomi ke abudlayo, ubudlela kuThixo.

11. Ngokunjalo nani zibaleleni ekuthini, ningabafileyo okunene kwisono; kodwa ningabadla ubomi kuThixo, nikuKristu Yesu, iNkosi yethu.

Kwabaseroma 6