Kwabaseroma 3:18-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.(INdum. 36:1)

19. Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.

20. Ngokokuba, ngokwasemisebenzini yomthetho, akuyi kugwetyelwa nyama emehlweni akhe; kuba isono saziwe ngokubakho komthetho.

21. Ngoku ke kubonakaliswe ubulungisa bukaThixo, kungekho mthetho, bungqinelwa nguwo umthetho nabaprofeti;

22. ubulungisa ke bukaThixo, obungokukholwa kuYesu Kristu, bube bobabo bonke, buphezu kwabo bonke abakholwayo;

23. kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo;

24. begwetyelwe ngesisa lubabalo lwakhe ngako ukukhululwa ngentlawulelo ekuYesu Kristu;

25. athe uThixo wammisa, ukuba abe sisicamagushelo ngegazi lakhe, ngako ukukholwa, ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngenxa yokuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili, ekunyamezeleni kukaThixo;

26. ukuze bubonakalaliswe ubulungisa bakhe ngeli xesha lakalokunje, ukuze abe lilungisa, kwanomgwebeli walowo waselukholweni lukaYesu.

Kwabaseroma 3