3. Bulisani kuPrisila noAkwila, abasebenzisi bam abakuKristu Yesu;
4. bona bathi, ngenxa yobomi bam, bazibeka emgoqweni ezabo iintamo, ekungabuleli mna ndedwa kubo, ekubulela nawo onke amabandla azo iintlanga.
5. Bulisani nakwibandla elisendlwini yabo. Bulisani kuPeneto intánda yam, oyintlahlela yelaseAkaya kuKristu.
6. Bulisani kuMariya, yena wabulalekayo kakhulu ngenxa yenu.
7. Bulisani kuAndroniko noYuniya, imizalwane yam nabathinjwa ndawonye nam, bona badumileyo phakathi kwabapostile,* kanjalo baba kuKristu ngaphambi kwam.
8. Bulisani kuAmpliya, intánda yam ngokwaseNkosini.