7. Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo.
8. Ke kaloku ndithi, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqiniseke amadinga akhe koobawo;
9. zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga,Ndilibethele uhadi igama lakho.(INdum. 18:49)
10. Kananjalo athi,Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe.(IDut. 32:43)
11. Kananjalo,Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga,Niyibonge, nonke nina bantu.(INdum. 117:1)
12. Kananjalo uIsaya uthi,Liya kubakho iHlumelo likaYese;Úya kuvela oya kulawula iintlanga;Ziya kuthembela kuye iintlanga.(UIsaya 11:1,10)