Kwabaseroma 15:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kungoko ndithi, Yamkelanani, njengokuba naye uKristu wasamkelayo, ukuba kuzukiswe uThixo.

8. Ke kaloku ndithi, uYesu Kristu waba ngumlungiseleli wolwaluko ngenxa yenyaniso kaThixo, ukuze aqiniseke amadinga akhe koobawo;

9. zithi ke iintlanga zimzukise uThixo ngenxa yenceba yakhe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Ngenxa yoko, ndiya kukudumisa phakathi kweentlanga,Ndilibethele uhadi igama lakho.(INdum. 18:49)

10. Kananjalo athi,Yibani nemihlali, zintlanga, ndawonye nabantu bakhe.(IDut. 32:43)

11. Kananjalo,Yidumiseni iNkosi, nonke nina zintlanga,Niyibonge, nonke nina bantu.(INdum. 117:1)

12. Kananjalo uIsaya uthi,Liya kubakho iHlumelo likaYese;Úya kuvela oya kulawula iintlanga;Ziya kuthembela kuye iintlanga.(UIsaya 11:1,10)

Kwabaseroma 15