15. Ukuba ke umzalwana wakho wenziwa buhlungu ngenxa yokusuka udle, akusahambi ngokothando. Musa ukumtshabalalisa ngokudla kwakho, yena lowo uKristu wamfelayo.
16. Ngoko okulungileyo kwenu makunganyeliswa.
17. Kuba ubukumkani bukaThixo abukukudla nakusela; bubulungisa noxolo novuyo kuMoya oyiNgcwele.
18. Kuba omkhonzayo uKristu kwezo zinto, ukholekile kakuhle kuye uThixo; ucikidekile nakubo abantu.
19. Ngoko ke masisukele izinto zoxolo, nezinto zokwakhana.
20. Musa ukuthi, ngenxa yokudla, uwuchithe umsebenzi kaThixo. Okunene, konke kuhlambulukile; kodwa ke kubi kuloo mntu uthi ngokudla akhubekise.
21. Kuhle ukuba ungadli nyama, ungaseli wayini, ungenzi nto angabetheka kuyo umzalwana wakho, akhubeke kuyo, aswele amandla okuzigcina.