17. Ke ukuba inxenye yamasebe yaxhuzulwa, wathi ke wena, úngumnquma wasendle nje, wamiliselwa phakathi kwawo, waba lidlelane nengcambu nokutyeba komnquma:
18. musa ukuwaqhayisela amasebe; ke ukuba ùyawaqhayisela, yazi ukuba asinguwe oyithweleyo ingcambu; yingcambu ethwele wena.
19. Ùya kuthi ngoko, Áxhuzulwa amasebe, ukuze mna ndimiliselwe.
20. Utyaphile; áxhuzulwa ngokungakholwa, ke wena umi ngokholo; musa ukukratsha, yoyika.
21. Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo.
22. Khawububone ke ububele nobukhali bukaThixo; ubukhali okunene kwabo bawayo; kodwa kuwe, ububele, ukuba uthe wahlala kobo bubele; okanye wogawulwa nawe lo.
23. Nabo ke, ukuba abathanga bahlale ekungakholweni, bomiliselwa; kuba uThixo unako ukubuya abamilisele.
24. Kuba wena, xa wagawulwa kumnquma ongowasendle ngokwemvelo, waza wamiliselwa ngokunxamnye nemvelo komhle umnquma: bobeka phi na aba bangamasebe ngokwemvelo, ukumiliselwa kwabo kowabo umnquma?