14. Uyanibulisa uLuka, igqirha eliyintanda, noDemas.
15. Bulisani kubazalwana abaseLawodike, nakuNimfa, nakulo ibandla elisendlwini yakhe.
16. Xa ke le ncwadi ithe yaleswa kuni, ize nenze ukuba ileswe nasebandleni eliseLawodike; nani niyilese leyo iphuma eLawodike.
17. Yithini kuArkipo, Lukhangele ulungiselelo owalwamkeláyo lwaseNkosini, ukuze uluzalise.
18. Umbuliso lo úngesam isandla, mna Pawulos. Yikhumbuleni imixokelelwane yam. Ubabalo malube nani. Amen.