Kwabasekolose 4:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Nina baziinkosi, baphatheni ngokufanelekileyo nangokulungeleleneyo abanikhonzayo; nisazi nje ukuba nani ngokwenu nineNkosi emazulwini.

2. Zingisani ukuthandaza, niphaphamile kuko, ninombulelo;

3. kunye noko nisithandazela, ukuze uThixo asivulele umnyango welizwi, ukuba siyithethe imfihlelo kaKristu, endikhonkxwe ngenxa yayo;

4. ukuze ndiyibonakalalise, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.

Kwabasekolose 4