Kwabase-Efese 1:4-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. njengokuba wathi, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, wasinyulela kuye, ukuba sibe ngcwele, singabi nasiphako phambi kwakhe;

5. othe ngokusithanda wasimisela ngenxa engaphambili, ukuba senziwe oonyana kuye ngokwakhe ngoYesu Kristu, ngokwenkolelo yokuthanda kwakhe,

6. ukuze kudunyiswe uzuko lobabalo lwakhe, awasibabala ngalo sikuye Othandiweyo;

7. esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa ke kweziphoso zethu, ngokobutyebi bobabalo lwakhe;

8. awaluphuphumisela kuthi, lunabo bonke ubulumko nokuqonda;

9. esazisile imfihlelo yokuthanda kwakhe ngokwenkolelo yakhe, awayimisayo ngokwakhe,

10. ebhekise ekuhleleni aya kuhlela ngako, akuzaliseka amaxesha, ukuba azihlanganisele zonke izinto kuye uKristu, ezisemazulwini kwanezisemhlabeni;

11. ewe, kuye lo sithe sikuye sadla ilifa; simisiwe ngenxa engaphambili ngokwengqibo yozisebenzayo zonke ezo nto ngokwecebo lokuthanda kwakhe;

12. ukuze sibe ngabokudumisa uzuko lwakhe, thina aba sathi ngenxa engaphambili sathembela kuye uKristu;

13. enithe, nikuye nani, nakuliva ilizwi lenyaniso, iindaba ezi zilungileyo zokusindiswa kwenu — enithe, nakùkholwa nokukholwa kuye, natywinwa naqiniselwa ngaye uMoya oyiNgcwele wedinga, osisinyaniso selifa lethu,

14. ukude kugqibelele ukukhululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo kuye, ukuba kudunyiswe uzuko lwakhe.

Kwabase-Efese 1