7. Owathi ngemihla yenyama yakhe, xa wayesondeze izikhungo kwanezibongozo kulowo unako ukumsindisa ekufeni, kunye nodanduluko olunamandla, neenyembezi, waviwa ngenxa yokumhlonela kwakhe uThixo.
8. Nakuba ebenguNyana, wafunda ukululama ngobunzima awabuvayo;
9. waza, egqibelele, waba yimbangi yosindiso olungunaphakade kubo bonke abamlulamelayo,
10. ebizwe nguThixo, ukuba abe ngumbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
11. Esineendawo ezininzi zokuthetha ngaye, ezilukhuni ukuchazwa, ekubeni nina naba buthuntu iindlebe.