Kumahebhere 11:27-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Ngokholo wayishiya iYiputa, akawoyika umsindo wokumkani; kuba wakrota, wanga uyambona lowo ungenakubonwa.

28. Ngokholo uyenzile ipasika nokutshizwa kwegazi, ukuze lowo wayewatshabalalisa amazibulo angawachukumisi.

29. Ngokholo baluwela uLwandle oluBomvu,* kwanga kusemhlabeni owomileyo; athe amaYiputa, akukulinga oko, antywiliselwa.

30. Ngokholo zawa iindonga zaseYeriko, zakuba zijikeleziwe iimini ezisixhenxe.

Kumahebhere 11