16. Nangu wona umnqophiso, endiya kuwenza naboEmva kwaloo mihla, itsho iNkosi,Ndiya kuyibeka imithetho yam ezintliziyweni zabo,Ndiya kuyibhala ezingqondweni zabo, ubuya athi,
17. Izono zabo nokuchasa umthetho kwabo ndingabi sakukhumbula.(UYer. 31:33,34)
18. Ke apho uxolelo lwezo zinto lukhona, akusekho mnikelo ngenxa yesono.
19. Ngoko, bazalwana, sínokungafihlisi nje ukungena kweyona ngcwele ngalo igazi likaYesu, ngendlela entsha,