Kumagalati 6:13-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kuba kwanabo balukayo, bengawubambi umthetho, bathanda ukuba nalùswe, ukuze baqhayise ngeyiyeyenu inyama.

14. Mna ke mandingàkhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.

15. Kuba kwabakuKristu Yesu, akunamandla anto ukwaluka nokungaluki; into enamandla sisidalwa esitsha.

16. Bonke ke abahamba ngaló mgca, makube luxolo nenceba kubo ke, nakwabangamaSirayeli kaThixo.

17. Elokugqiba ndithi, Makungabikho namnye undixhamlayo; kuba mna, iimpawu zeNkosi uYesu ndiziphethe ngomzimba wam.

18. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu, bazalwana. Amen.

Kumagalati 6