Kumagalati 4:25-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo.

26. Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo.

27. Kuba kubhaliwe kwathiwa,Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo;Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba;Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda.(UIsaya 54:1)

28. Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga.

29. Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku.

Kumagalati 4