8. Kungoko endithi, nakuba ndinako ukungafihlisi okukhulu kuKristu, kokuba ndikuthethele okufanelekileyo,
9. noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndĂngonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu.
10. Ndikubongoza ngenxa yomntwana wam, uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni;
11. obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum unoncedo oluhle. Lowo ndimbuyisele kuwe;
12. wena ke mamkele, oko kukuthi, yamkela izibilini zam;
13. ebendinga mna ndingasendihlala naye apha, ukuze athi endaweni yakho andilungiselele, ndĂsezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi;
14. kodwa andithandanga kwenza nto, ungatshongo wena, ukuze ukulunga kwakho kungangi kokokunyanzelwa, kube kokokuvuma.
15. Kuba mhlawumbi wahlukaniswa umzuzwana nawe ngenxa yoku, ukuze umzuze ngokwaphakade;
16. engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi?