Kufilemon 1:20-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini.

21. Ndikubhalele ndeyisekile kukundilulamela kwakho, ndisazi ukuba ùya kwenza nangaphezulu koko ndikuthethayo.

22. Kunye ke noko, ndilungisele indawo yokuhlala; kuba ndithembile ukuba ngayo imithandazo yenu nondiphiwa.

23. Uyakubulisa uEpafras, umbanjwa ndawonye nam wakwaKristu Yesu,

24. kwanoMarko, noAristarko, noDemasi, noLuka, abasebenzisana nam.

Kufilemon 1