20. Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini.
21. Ndikubhalele ndeyisekile kukundilulamela kwakho, ndisazi ukuba ùya kwenza nangaphezulu koko ndikuthethayo.
22. Kunye ke noko, ndilungisele indawo yokuhlala; kuba ndithembile ukuba ngayo imithandazo yenu nondiphiwa.
23. Uyakubulisa uEpafras, umbanjwa ndawonye nam wakwaKristu Yesu,
24. kwanoMarko, noAristarko, noDemasi, noLuka, abasebenzisana nam.