14. Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe;Zibhijelene, zenyuka zaba semqaleni wam, zawakhubekisa amandla am;INkosi yam indinikele ezandleni zabo ndingenakumisa kubo.
15. INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam;Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am.INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini.
16. Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi,Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam;Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile.
17. IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli;UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge;IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo.
18. Ăšlilungisa uYehova; ngokuba bendiphikise umlomo wakhe.Khanive, nonke zizwe, niwubone umvandedwa wam;Umthinjana wam namadodana am emke nokuthinjwa.