12. Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela?Bhekani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo,Athe uYehova wandenza lusizi ngemini yokuvutha komsindo wakhe.
13. Engaphezulu, uthumé umlilo emathanjeni am, wawanyathela;Uzanekele umnatha iinyawo zam, wandibuyisa umva;Undenzé inxuwa, yonke imini ndityhafile.
14. Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe;Zibhijelene, zenyuka zaba semqaleni wam, zawakhubekisa amandla am;INkosi yam indinikele ezandleni zabo ndingenakumisa kubo.