Izenzo 7:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wathumela ke uYosefu wambiza uyise uYakobi, nabo bonke abazalana naye, bayimiphefumlo engamashumi osixhenxe anesihlanu.

15. Wehla ke uYakobi, waya eYiputa, wabhubha yena noobawo bethu;

16. baza bathwalwa basiwa kwaShekem, babekwa engcwabeni awalithengayo uAbraham ngexabiso lemali koonyana bakaHamore, usoShekem.

17. Lithe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa,

18. kwada kwavela kumkani wumbi, ubengamazi uYosefu.

Izenzo 7