Izenzo 24:10-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ke kaloku waphendula uPawulos, yakunqwala kuye irhuluneli ukuba athethe, wathi:Ndisazi kakuhle nje, ukuba sekuyiminyaka emininzi ungumgwebi kolu hlanga, kokukhona ndiziphendulela ngomxhelo owonwabileyo ngazo iindawo ezingam.

11. Kuba ungánokuqonda, ukuba akuntsuku zingaphezu kweshumi elinambini, ndenyukayo ndaya kunqula eYerusalem;

12. nasetempileni abandifumananga ndixoxa namntu, ndisenza nasiphendu, nasezindlwini zesikhungu, naphi phakathi komzi.

13. Kananjalo àbanako ukuzimisa izinto abandimangalela ngazo ngoku.

Izenzo 24