Izenzo 17:2-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ngokwesiko ke likaPawulos wangena kuwo; waye iisabatha ezintathu exoxa nawo, ethabatha ezibhalweni, etyhila,

3. ebeka phambi kwawo ukuba uKristu* ubemelwe kukuva ubunzima, aze avuke kwabafileyo; nokuthi, Nguye ke uKristu, lo Yesu ndinazisa yena mna.

4. Inxenye kuwo yoyiseka, yazibandakanya noPawulos noSilas, kwanenkitha enkulu yamaGrike amhlonelayo uThixo; nakubafazi abaziintloko àbaba mbalwa.

5. Ke kaloku amaYuda angoyisekileyo, enomsindo, azithabathela amadoda athile angendawo, angamahilihili, enza ibubu, awuphithizelisa umzi, ayifikela nendlu kaYason, efuna ukubarholela eluntwini.

Izenzo 17