Izenzo 13:30-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Uthe ke uThixo wamvusa kwabafileyo,

31. Yena lowo wabonwa imihla emininzi ngabo babenyuke naye, bevela kwelaseGalili besiya eYerusalem; ngabo ke abangamangqina akhe ebantwini.

32. Nathi sinishumayeza iindaba ezilungileyo zedinga elo labakho koobawo bethu,

33. zokokuba uThixo ulizalisile lona kuthi, bantwana babo, ngokumvusa uYesu; njengokuba nakwiNdumiso yesibini kubhaliwe kwathiwa, Wena unguNyana wam, ndikuzele mna namhla.

Izenzo 13