5. Sathi isithunywa sasithabatha isiqhumiselo eso, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima.
6. Zaza izithunywa ezisixhenxe ezinamaxilongo osixhenxe, zazilungiselela ukuba zivuthele amaxilongo.
7. Sathi esokuqala isithunywa savuthela ixilongo, kwabakho isichotho nomlilo, ziphithikezwe negazi, zaphoswa emhlabeni; saza isahlulo sesithathu semithi satshiswa, nabo bonke utyani obuluhlaza batshiswa.
8. Sathi esesibini isithunywa savuthela ixilongo, kwanga kuphoswa intaba enkulu, isitsha ngumlilo, elwandle; saza isahlulo sesithathu solwandle saba ligazi;
9. safa isahlulo sesithathu sezidalwa eziphilileyo eziselwandle; nesahlulo sesithathu semikhombe sonakaliswa.
10. Sathi esesithathu isithunywa savuthela ixilongo, kwawa ezulwini inkwenkwezi enkulu, ivutha njengesibane, yawa phezu kwesahlulo sesithathu semilambo, naphezu kwemithombo yamanzi.
11. Igama lenkwenkwezi leyo kuthiwa nguMhlonyane; saza isahlulo sesithathu samanzi saba ngumhlonyane; yathi into eninzi yabantu yafa ngawo amanzi, ngokuba aba krakra.