9. Emva koko ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo,
10. bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi:Usindiso kuye uThixo wethu,Lowo uhleli phezu kwetrone,Nakuyo iMvana!
11. Zaye zonke izithunywa zezulu zimi, zenzé isangqa etroneni, nakuwo amadoda amakhulu, nakuzo izinto eziphilileyo zoné, zawa phambi kwetrone ngobuso bazo,
12. zaqubuda kuye uThixo, zisithi:Amen,Ukubongwa, nozuko, nobulumko,Nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela,Makube kuye uThixo wethu,Kuse emaphakadeni asemaphakadeni!Amen.
13. Yaphendula enye indoda enkulu, isithi kum, Aba bathiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe bangoobani na? bevela phi na?
14. Ndithi kuyo, Nkosi, nguwe owaziyo. Yathi kum, Aba ngabaphumáyo embandezelweni enkulu, bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana.
15. Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo.