12. Ndabona, xa yalivulayo elesithandathu itywina, nanko, kubakho unyikimo lomhlaba olukhulu, lathi ilanga laba mnyama, njengengubo erhwexayo yoboya;
13. yathi inyanga yaba njengegazi; zathi iinkwenkwezi zezulu zawela emhlabeni, njengokuba umkhiwane uvuthulula amakhiwane awo atshazileyo, wakuzanyazanyiswa ngumoya omkhulu.
14. Lathi izulu lafingeka, njengencwadi esongiweyo; zathi iintaba zonke neziqithi zasuswa ezindaweni zazo.
15. Bathi ookumkani bomhlaba, namanene, nezityebi, nabathetheli-waka, nabanamandla, namakhoboka onke, nabakhululekileyo bonke, bazifihla emiqolombeni nasemaweni eentaba.
16. Bathi kwiintaba nakumawa, Siweleni, nisifihle ebusweni balowo uhleli phezu kwetrone, nasengqumbeni yeMvana;
17. ngokuba ufikile umhla omkhulu wengqumbo yayo; ngubani na ke onako ukuma?