Isityhilelo 2:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Isithunywa sebandla elise-Efese, sibhalele uthi:Utsho lowo uzibambileyo iinkwenkwezi ezisixhenxe ngesokunene sakhe, lowo uhambayo phakathi kweziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, ukuthi:

2. Ndiyayazi imisebenzi yakho, nokubulaleka kwakho, nomonde wakho, nokuba ungenako ukubathwala abanobubi; nokuba wabalinga abathi bangabapostile,* bengengabo, wabafumana bengamaxoki.

3. Ùthwele, unomonde; uthe ngenxa yegama lam wabulaleka, akwadinwa.

4. Noko ke ndinale nto ngakuwe, yokuba uthando lwakho lokuqala walushiyayo.

5. Khumbula ngoko apho uwé usuka khona, uguquke, wenze imisebenzi yokuqala; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndisishenxise isiphatho sesibane sakho endaweni yaso, ukuba akuthanga uguquke.

6. Kodwa ùnale ndawo, yokuba uyithiyile imisebenzi yamaNikolawo, endiyithiyileyo nam.

Isityhilelo 2