Isityhilelo 16:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; àbaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.

15. Yabona, ndiza njengesela. Únoyolo lowo uphaphileyo, uzigcinayo iingubo zakhe, ukuze angahambi zé, balibone ihlazo lakhe.

16. Babahlanganisela endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon.

17. Saza esesixhenxe isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso esibhakabhakeni; kwaphuma izwi elikhulu, livela etempileni yamazulu, livela etroneni, lisithi, Kwenzekile.

18. Kwabakho imibane, nezandi, neendudumo; kwabakho nonyikimo lomhlaba olukhulu, ekungazanga kubekho lunjalo unyikimo ukuba lukhulu, kuseloko kwabakhoyo abantu emhlabeni.

Isityhilelo 16