Inumeri 6:21-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Nguwo lowo umyalelo wozahluleyo, obhambathisa umsondezo wakhe kuYehova ngenxa yokuzahlula kwakhe, ngaphandle koko sinokufikelela kuko isandla sakhe; ngokwesibhambathiso sakhe abesibhambathisile, makenjenjalo ngokomyalelo wokuzahlula kwakhe.

22. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

23. Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Ize nenjenje ukubasikelela oonyana bakaSirayeli, nithi kubo,

24. Makakusikelele uYehova, akugcine;

25. Makabukhanyise uYehova ubuso bakhe kuwe, akubabale;

26. Makabuphakamisele uYehova ubuso bakhe kuwe, akunike uxolo.

27. Mabalibeke ke igama lam phezu koonyana bakaSirayeli; mna ndiya kubasikelela.

Inumeri 6