21. Nguwo lowo umyalelo wozahluleyo, obhambathisa umsondezo wakhe kuYehova ngenxa yokuzahlula kwakhe, ngaphandle koko sinokufikelela kuko isandla sakhe; ngokwesibhambathiso sakhe abesibhambathisile, makenjenjalo ngokomyalelo wokuzahlula kwakhe.
22. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
23. Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Ize nenjenje ukubasikelela oonyana bakaSirayeli, nithi kubo,
24. Makakusikelele uYehova, akugcine;
25. Makabukhanyise uYehova ubuso bakhe kuwe, akubabale;
26. Makabuphakamisele uYehova ubuso bakhe kuwe, akunike uxolo.
27. Mabalibeke ke igama lam phezu koonyana bakaSirayeli; mna ndiya kubasikelela.