Inumeri 3:4-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koYehova, ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova, entlango yaseSinayi; àbaba nanyana bona. Baba ngababingeleli ooElazare noItamare ebusweni buka-Aron uyise.

5. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

6. Sisondeze isizwe sakwaLevi, usimise phambi koAron umbingeleli, ukuba balungiselele kuye.

7. Bosigcina isigxina sakhe nesigxina sebandla lonke phambi kwentente yokuhlangana, ukuba basebenze umsebenzi womnquba;

11. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

12. Uyabona, mna ndibathabathile abaLevi phakathi koonyana bakaSirayeli, esikhundleni samazibulo onke avula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, baba ngabam abaLevi;

13. kuba onke amazibulo ngawam, mini ndawabethayo onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndazingcwalisela onke amazibulo kwaSirayeli, ethabathela emntwini esa enkomeni. Oba ngawam, mna Yehova.

14. Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, esithi,

15. Babale oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo; yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanganye inyuse, woyibala.

16. Wababala ke uMoses ngokomlomo kaYehova, njengoko wamwiselayo umthetho.

17. Ngabo aba oonyana bakaLevi ngamagama abo: nguGershon noKehati noNerari.

18. Ngawo la amagama oonyana bakaGershon ngokwemizalwane yabo: nguLibheni noShimehi.

19. Oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo: nguAmram noItsare, nguHebron noUziyeli.

20. Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo: nguMaheli noMushi. Yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngokwezindlu zooyise.

21. KwaGershon ngumzalwane wakwaLibheni, nomzalwane wakwaShimehi; yiyo leyo imizalwane yakwaGershon.

22. Ababalwáyo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse, ababalwáyo kubo: ngamawaka asixhenxe, anamakhulu mahlanu.

23. Imizalwane yakwaGershon yomisa intente ngasemva komnquba ngasentshonalanga.

Inumeri 3