Inumeri 3:14-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, esithi,

15. Babale oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo; yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanganye inyuse, woyibala.

16. Wababala ke uMoses ngokomlomo kaYehova, njengoko wamwiselayo umthetho.

17. Ngabo aba oonyana bakaLevi ngamagama abo: nguGershon noKehati noNerari.

18. Ngawo la amagama oonyana bakaGershon ngokwemizalwane yabo: nguLibheni noShimehi.

19. Oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo: nguAmram noItsare, nguHebron noUziyeli.

20. Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo: nguMaheli noMushi. Yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngokwezindlu zooyise.

21. KwaGershon ngumzalwane wakwaLibheni, nomzalwane wakwaShimehi; yiyo leyo imizalwane yakwaGershon.

Inumeri 3