Inumeri 26:47-56 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

47. Yiyo leyo imizalwane yoonyana baka-Ashere, ngokwababalwáyo kubo: ngamashumi omahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mané.

48. Oonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo: nguGatseli ozala amaGatseli; nguGuni ozala amaGuni;

49. nguYetsere ozala amaYetsere; nguShilem ozala amaShilem.

50. Yiyo leyo imizalwane yakwaNafetali ngokwemizalwane yabo; ababaliweyo kubo ngamashumi omané anamahlanu amawaka, anamakhulu mané.

51. Ngabo abo ababalwáyo koonyana bakaSirayeli: ngamakhulu omathandathu amawaka anawaka-nye, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.

52. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,

53. Malabelwe ezo zizwe ilizwe, libe lilifa lazo ngenani lamagama.

54. Esininzi wolenza lininzi ilifa laso, esincinane wolenza lincinane ilifa laso; eso sinìkwe ilifa ngokwababalwáyo kuso.

55. Kodwa ilizwe malabiwe ngeqashiso, balidle ilifa ngokwamagama ezizwe zooyise; labiwe ilifa lazo ngokweqashiso,

56. phakathi kwesininzi nesincinane.

Inumeri 26