Inumeri 26:41-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. Ngabo abo oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; ababalwáyo kubo ngamashumi amané anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu.

42. Ngabo aba oonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo; nguShuham ozala amaShuham. Yiyo leyo imizalwane yakwaDan ngokwemizalwane yabo.

43. Yonke imizalwane yamaShuham, ngokwababalwáyo kubo, ngamashumi omathandathu anamané amawaka, anamakhulu mané.

44. Oonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo: nguImna ozala amaImna; nguIshwi ozala amaIshwi; nguBheriya ozala amaBheriya.

45. Koonyana bakaBheriya: nguHebhere ozala amaHebhere; nguMalekiyeli ozala amaMalekiyeli.

46. Igama lentombi ka-Ashere nguSara.

Inumeri 26