Inumeri 25:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. AmaSirayeli ahlala eShitim. Baqala abantu bahenyuza neentombi zakwaMowabhi.

2. Zababizela abantu emibingelelweni yoothixo bazo; badla abantu, banqula oothixo bazo.

3. AmaSirayeli azibandakanya ke noBhahalipehore.*Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli.

4. Wathi uYehova kuMoses, Thabatha bonke abaziintloko zabantu, ubabethelele abanetyala emnqamlezweni kuYehova phambi kwelanga, kubuyiswe ukuvutha komsindo kaYehova kumaSirayeli.

Inumeri 25