Inumeri 24:16-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Utsho ova ukuthetha kukaThixo,Wakwazi ukwazi kOsenyangweni;Obona umbono woSomandla,Esiwa phantsi, etyhilwe amehlo:

17. Ndiyayibona, kungekhona ngoku,Ndiyikhangele, ingekufuphi.Inkwenkwezi iphuma kwaYakobi;Intonga ivela kwaSirayeli,Iwaphàluse amaMowabhi emacaleni omabini,Ibagòmbe bonke abengxolo;

18. UEdom abe lilifa,Abe lilifa uSehire, iintshaba zakhe;USirayeli yena avelise amandla.

19. Makehle ophuma kwaYakobi,Atshabalalise abaseleyo emizini.

20. Wawabona ama-Amaleki, wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Ingqalo yeentlanga nguAmaleki;Isiphelo sakhe sikukutshabalala.

21. Wawabona amaKeni, wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Liqinile ikhaya lakho;Indlu yakho imiswe eweni.

22. Kuba uKayin angátshayelwa yini na,Ade uAsiriya akuthimbe?

23. Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Yeha! Azi ngubani na oya kubudla ubomi, akukumisa oko uThixo?

Inumeri 24