15. Wathi kuBhalaki, Yenjenje ukuma ngasedinini lakho elinyukayo, ndenjenje mna ukuhlangabeza uYehova.
16. UYehova waqubisana noBhileham, wabeka ilizwi emlonyeni wakhe, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.
17. Wafika ke kuye; nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, nabathetheli bakwaMowabhi benaye; wathi uBhalaki kuye, Úthethé ntoni na uYehova?
18. Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi,Suka ume, Bhalaki uve;Ndibekele indlebe, nyana kaTsipore.
19. UThixo akamntu ukuba athethe amanga,Akanyana waluntu ukuba azohlwaye.Etshilo nje yena, akayi kwenza na?Ethethile nje, akayi kufeza na?
20. Yabona, ndamkéle ukusikelela;Úsikelele, ke andinakukubuyisa.
21. Akaboni butshinga kuYakobi,Akaboni bubi kuSirayeli.UYehova uThixo wakhe unaye,Ukuduma kokumkani kuphakathi kwakhe.
22. UThixo umkhupha eYiputa;Amendu akhe anjengawenqu.
23. Akukho zihlabo ngoYakobi,Akukho kuvumisa ngoSirayeli.Ngexesha elililo, kuthethwa kuYakobi nakuSirayeliInto ayenzayo uThixo.
24. Yabona, abantu besuka njengengonyamakazi;Baziphakamisa njengengonyam' induna.Àbalali phantsi, bade badle okuqwengiweyo,Basele igazi labahlatyiweyo.