5. Bathetha abantu ngoThixo nangoMoses, bathi, Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, size kufela entlango? Ngokuba tu isonka, tu namanzi; umphefumlo wethu ukruqukile sesi sonka sinkatshunkatshu.
6. UYehova wathuma iinyoka ezinobuhlungu ebantwini, zabaluma abantu; kwafa abantu abaninzi bakwaSirayeli.
7. Beza abantu kuMoses, bathi, Sonile, ngokuba sithethe ngoYehova nangawe; thandaza kuYehova, azisuse kuthi iinyoka ezo. Wabathandazela ke uMoses abantu.
8. Wathi uYehova kuMoses, Zenzele inyoka enobuhlungu, uyixhome esibondeni eside; kothi, bonke abo balunyiweyo, bakukhangela kuyo, baphile.
9. Wenza ke uMoses inyoka yobhedu, wayixhoma esibondeni eside; kwathi, yakuba ithe inyoka yamluma umntu, waza wabheka enyokeni yobhedu, waphila.
10. Banduluka oonyana bakaSirayeli, baya bamisa iintente eObhoti.
11. Banduluka eObhoti, baya bamisa eIye-abharim, entlango ephambi kwelakwaMowabhi, ngasekuphumeni kwelanga.
12. Banduluka khona, baya bamisa esihlanjeni saseZerede.