4. Yini na ukuba nisingenise isikhungu sikaYehova kule ntlango, sifele kuyo, thina neenkomo zethu?
5. Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, nisizise kule ndawo imbi kangaka? Asindawo yambewu, namakhiwane, namidiliya, nazirharnate, tu namanzi okusela!
6. Besuka ooMoses noAron ebusweni besikhungu, baya emnyango wentente yokuhlangana, bawa ngobuso. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo.
7. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
8. Yithabathe intonga, ulibizele ndawonye ibandla, wena noAron umkhuluwa wakho, nithethe engxondorheni phambi kwabo, inike amanzi ayo, ubakhuphele amanzi engxondorheni apho, uliseze ibandla neenkomo zalo.
9. Wayithabatha ke uMoses intonga ebusweni bukaYehova, njengoko wawiswayo umthetho.
10. Wasibizela ndawonye uMoses noAron isikhungu phambi kwengxondorha leyo, wathi kubo, Khanive, nina baneenkani. SĂnikhuphele amanzi kule ngxondorha na?