Inumeri 16:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uKora, unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, noDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi, no-On unyana kaPelete, oonyana bakaRubhen,

2. bathabatha amadoda angamakhulu amabini, anamanci mahlanu, akoonyana bakaSirayeli, izikhulu zebandla ezanyulwa yintlanganiso, amadoda anodumo; bavukelana noMoses.

3. Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron, bathi kubo, Nisenanele nina, ngokuba lingcwele lonke ibandla, bonke bephela; uYehova uphakathi kwabo. Yini na ukuba niziphakamise phezu kwesikhungu sikaYehova?

4. Weva uMoses, wawa ngobuso.

Inumeri 16