Inumeri 14:2-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Bonke oonyana bakaSirayeli babakrokrela ooMoses noAron; lathi kubo lonke ibandla, Akwaba besifele ezweni laseYiputa! Akwaba besifele nakule ntlango!

3. Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe ukuze siwe likrele, abafazi nabantwana bethu babe lixhoba? Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa?

4. Batshono ukuthi, Masizimisele umphathi, sibuyele eYiputa.

5. Bawa ooMoses noAron ngobuso babo phambi kwesikhungu sonke sebandla loonyana bakaSirayeli.

Inumeri 14