Intshumayeli 5:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Gcina unyawo lwakho xeshikweni uya endlwini kaThixo; ukusondela ukuba uve, kungaphezu kokunikela kwezidenge imibingelelo; ngokuba ukungazi kwazo kwenza izinto ezimbi.

2. Musa ukungxama ngomlomo wakho, intliziyo yakho ingaphangi ikhuphe ilizwi phambi koThixo; ngokuba uThixo usemazulwini, ke wena usehlabathini; ngenxa yoko amazwi akho makabe mancinane.

3. Ngokuba ukuphupha kuza ngobuninzi bemicimbi, nezwi lesidenge liza ngobuninzi bentetho.

4. Xeshikweni uthe wabhambathisa isibhambathiso kuThixo, musa ukuzekelela ukusizalisa; ngokuba azinanzwa izidenge; loo nto uyibhambathisileyo yizalise.

5. Kulungile ukuba ungabhambathisi, kunokuba ubhambathise ungazalisi.

Intshumayeli 5