Ingoma Yazo Iingoma 7:8-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Ndathi, Ndiya kumínya emthini wesundu;Ndiya kubambelela emagqabini awo;Amabele akho makabe njengezihloko zomdiliya,Nevumba lempumlo yakho libe njengeeapile;

9. Nekhuhlangubo lakho libe njengewayini le ilungileyo,Ihla kamnandi kwintánda yam,Ibanga ukuba uthethe umlomo wabaleleyo.

10. Mna ndingowentánda yam,Kukum ukungxamela kwayo.

Ingoma Yazo Iingoma 7