5. Ndavuka ndaya kuyivulela intánda yam,Nezandla zam zavuza imore;Neminwe yam, imore eyivuzelayoEsiphathweni sesitshixo.
6. Ndayivulela mna intánda yam;Ke yona intánda yam ibijike yemka.Ndemkelwa ngumbilini yakuthetha;Ndayifuna, andayifumana;Ndayibiza, àyasabela.
7. Bandifumana abalindi abajikajika phakathi komzi,Bandibetha, bandilimaza;Abalindi beendonga bandihlutha ingubo yam yokwaleka ekrelekrele.
8. Ndiyanifungisa, zintombi zaseYerusalem, ukuba nithe nayifumana intánda yam,Into enoyixelela yona, nothi, ndiyafa luthando.
9. Iyintoni na intánda yakho kunezinye iintánda,Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi?Iyintoni na intánda yakho kunezinye,Ukuba wenjenje ukusifungisa?
10. Intánda yam iqaqambile, iyingqombela,Iyeyongamileyo ngaphezu kwamawaka alishumi.