Ingoma Yazo Iingoma 2:8-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Phulaphulani! Intánda yam, nantso isiza,Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini.

9. Intánda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama.Nantso imi emva kodonga lwakokwethu,Ithe nzo ngeefestile,Inyondla ngekroba.

10. Intánda yam yasusela, yathi kum,Suk' ume, wethu, nzwakazi yam, uze;

11. Ngokuba uyabona, ubusika budlule,Imvula igqithile yemka;

12. Iintyantyambo zibonakele ezweni;Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile;Izwi lehobe livakele ezweni lethu;

Ingoma Yazo Iingoma 2