Imizekeliso 6:28-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Únokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo,Zingatyabuki na iinyawo zakhe?

29. Únjalo ongena emfazini wommelwane wakhe;Akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa.

30. Àlidelwa isela, xa lithe labelaUkwanelisa umphefumlo walo, xa lithe lalamba;

31. Lifunyênwe, lihlawula kasixhenxe,Lirhola bonke ubuncwane bendlu yalo.

32. Okrexeza umfazi ke uswele intliziyo;Owenza loo nto ngumonakalisi womphefumlo wakhe.

Imizekeliso 6