Imizekeliso 4:14-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Musa ukungena emendweni wabangendawo,Unganyatheli endleleni yabanobubi.

15. Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo;Yicezele, ugqithe.

16. Kuba àbalali, ukuba àbathanga benze ububi;Bemkelwa bubuthongo ukuba àbathanga bakhubekise abanye.

17. Kuba badla isonka sokungendawo,Basele iwayini yogonyamelo.

18. Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso,Okuya kúbà mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.

Imizekeliso 4