Imizekeliso 31:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wuvule umlomo wakho ngenxa yosisidenge,Ngenxa yetyala labo bonke abadlulayo.

9. Vula umlomo wakho, gweba ngobulungisa,Ugwebe ityala lolusizana nolihlwempu.

10. Umfazi onesidima ngubani na ongamfumanayo?Lingaphezulu nakwikorale* ixabiso lakhe.

11. Ikholose ngaye intliziyo yendoda yakhe,Ayisayi kuswela nto.

12. Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi,Yonke imihla yobomi bakhe.

13. Ufuna uboya begusha neflakisi,*Asebenze ethumekelele ngezandla zakhe.

14. Unjengeenqanawa zabarhwebi,Ukuya kuthabatha kude ukudla kwakhe.

Imizekeliso 31