8. Wuvule umlomo wakho ngenxa yosisidenge,Ngenxa yetyala labo bonke abadlulayo.
9. Vula umlomo wakho, gweba ngobulungisa,Ugwebe ityala lolusizana nolihlwempu.
10. Umfazi onesidima ngubani na ongamfumanayo?Lingaphezulu nakwikorale* ixabiso lakhe.
11. Ikholose ngaye intliziyo yendoda yakhe,Ayisayi kuswela nto.
12. Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi,Yonke imihla yobomi bakhe.
13. Ufuna uboya begusha neflakisi,*Asebenze ethumekelele ngezandla zakhe.
14. Unjengeenqanawa zabarhwebi,Ukuya kuthabatha kude ukudla kwakhe.