Imizekeliso 24:17-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Musa ukuvuya ekuweni kotshaba lwakho,Ingagcobi intliziyo yakho ekukhubekeni kwalo;

18. Hleze akubone uYehova, kube kubi emehlweni akhe,Awubuyise umsindo wakhe kulo.

19. Musa ukuvutha ngumsindo ngabenzi bobubi,Ungabamoneli abangendawo;

20. Kuba umenzi wobubi akayi kuba naka-mva;Isibane sabangendawo siya kucinywa.

21. Nyana wam, moyike uYehova nokumkani,Ungazibandakanyi nabanokumbi;

22. Kuba kofika ngesiquphe ukusindeka kwabo;Ilishwa leminyaka yabo, ngubani na olaziyo?

23. Nala mazwi ngawezilumko:Ukukhetha ubuso ekugwebeni akulungile.

Imizekeliso 24