Imizekeliso 2:13-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kwabashiya umendo wokuthe tye,Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama;

14. Kwabavuyela ukwenza ububi,Bagcobe ngeempenduka zabenza ububi;

15. Abamendo ujibilizayo,Abathi gu bucala ngemikhondo yabo;

16. Ukuze uhlangulwe kumkamntu,Kowolunye uhlanga, ontetho yakhe igudileyo;

17. Lowo ushiya ikholwane lobutsha bakhe,Awulibale umnqophiso woThixo wakhe.

18. Kuba Ăștshona ekufeni nendlu yakhe,Nemikhondo yakhe itshonela kwabangasekhoyo;

19. Bonke abangénayo kuye ababuyi,Abafiki kumendo wobomi:

Imizekeliso 2