Imizekeliso 17:24-27-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Ubuso bonengqondo bubheke ebulumkweni;Ke amehlo esinyabi asekupheleni kwehlabathi.

25. Úbubuhlungu bukayise unyana osisinyabi;Úbubukrakra kumzalikazi wakhe.

26. Àkulungile ukuhlawulisa nelungisa,Nokubetha amanene ngenxa yokuthe tye.

27-28. Owanqandayo amazwi akhe unokwazi:Omoya upholileyo yindoda enengqondo.Kwanesimathane, ukuba sihleli sathi tu, kuthiwa sisilumko;Singàwuvingca umlomo waso, kuthiwa sinengqondo.

Imizekeliso 17